Isebe Lezempilo
Gazette No. 27600
No.R. 491 of 2005
Umthetho wezinto eziTyiwayo, izinto zokuThambisa umzimba neziBulala-ntsholongwane, 1972 (Umthetho wama-54 Ka-1972)
Imimiselo enxulumana Neetyhefu Zolwandle
UmPhathiswa wezeMpilo, ngokwecandelo 15 (1) loMthetho wezinto eziTyiwayo, izinto zokuThambisa umzimba neziBulala-ntsholongwane, 1972 (umThetho wama-54 ka-1972), wenze imimiselo eboniswe kuLudwe lwenkqubo.
ULUDWE LWENKQUBO
Iinkcazelo
Kule mimiselo "umThetho" uthetha uMthetho wezinto eziTyiwayo, izinto zokuThambisa umzimba neziBulala-ntsholongwane, 1972 (umThetho wama-54 ka-1972), kwaye nayiphi na imbonakalo apho intsingiselo ithe yanikelwa umThetho fanele inyamezele loo ntsingiselo yaye, ngaphandleni kokuba imeko ibonisa ngenye indlela-
"iityhefu zolwandle" zithetha izinto ezinengozi eziveliswa zizinto ezithile eziphilayo zolwandle eziyintlanganisela yesilwanyana saselwandle esineqokobhe;
"ungcoliseko" luthetha nayiphi na into nangona ingongezwanga ngenjongo ekutyeni, ekhona kukutya okunjalo ngenxa yemveliso (kubandakanywa nemisebenzi eyenziwe lulimo lesilimo neyeza lemfuyo), ukwenza, inkqubo, ukulungisa, ukunyanga, ukupakisha, ukuthutha, okanye ukulawula ukutya okunjalo okanye ngenxa yongcoliseko olusingqongileyo, kwaye alubandakanyi iintwana zesinambuzane, uboya besikrekrethi nezinye izinto zangaphandle;
"isilwanyana saselwandle esineqokobhe" sibhekiselele kuzo zonke izilwanyana zasemanzini ezinamaqokobhe amabini zezilwanyana ezingenamathambo ezinokuba namaqokobhe, ipectinidae, iitunicates neegastropods zolwandle kodwa ngaphandle kwengwane, isilwanyana esineengalo ezilishumi esifana nengwane nezidalwa ezineqokobhe.
Jikelele
2. (1) Malunga nenjongo yecandelo 2(1)(b(i) womThetho, isilwanyana saselwandle esineqokobhe neemveliso zesilwanyana saselwandle esineqokobhe ngenxa yoko zicingwa ukuba zingcolisekile, zimdaka, okanye zonakele ukuba ityhefu elandelayo idlulisa kunyino olulinganiswayo xa kulinganiswa ngeendlela ezichaziweyo ngaphantsi kwesihlomelo kule mimiselo okanye nayiphi na indlela eyamkelweyo elinganayo.
Iityhefu zesilwanyana saselwandle esineqokobhe Unyinyo (a) Ityhefu yesilwanyana saselwandle esineqokobhe eyenza ukhubazeko 0,8mg/kg* (b) Ityhefu yesilwanyana saselwandle esineqokobhe eyenza isigulo solibalo 20 mg/kg** (c) Ityhefu yesilwanyana saselwandle esineqokobhe Ngaphantsi kwezinga eyenza utsheko lokufunyanwa
*ilinganiswe njenge-‘saxitoxin’ elingana negram enye yenyama yesilwanyana saselwandle esineqokobhe esinokutyiwa
**ilinganiswe njengentlanganisela yegram enye ye-‘domoic acid’ yenyama enokutyiwa
Ezinye iindlela zezizwe, ekwavunyelwana ngazo, zinokusetyenziswa njengezinye iindlela ezifezekisayo kwiindlela zokuvavanya zebhayoloji, ukuba ukuzalisekisa kwazo kunikeza umgangatho olinganayo wokhuseleko lwempilo yoluntu.
Dr ME Tshabalala-Msimang, MP
Minister of Health
ISIHLOMELO
Iindlela zokuvavanyela ityhefu kwisilwanyana saselwandle esineqokobhe
Uluhlu lubonisa izincomo zeendlela zokuvavanya ezichaziweyo (uluhlu II) lweetyhefu kuluhlu I
|
Ityhefu |
Indlela yokuvavanya |
|
Ityhefu yesilwanyana saselwandle esineqokobhe eyenza ukhubazeko |
i-bioassay yempuku ngokwe-AOAC 1990 |
|
Ityhefu yesilwanyana saselwandle esineqokobhe eyenza isigulo solibalo |
I-HPLC edityaniswe kwisixhobo esalathisa inguquko yoxinzelelo, yobushushu i-UV ye-‘domoic acid’ ngokwe-AOAC, 1991 |
|
Ityhefu yesilwanyana saselwandle esineqokobhe eyenza utsheko |
I-LC edityaniswe kwisixhobo esalathisa inguquko yoxinzelelo, yobushushu yeMS i-bioassay yempuku ngokwe-AOAC |
AOAC: nguMbutho weNkcazelo yasebuRhulumenteni yeeKhemesti
HPLC: yi-High Performance Liquid Chromatography
UV :yi –ultraviolet
LC: yi-Liquid Chromatography
MS: yi-Mass Spectroscopy